Thursday, July 19, 2012

Iculo 67 - Wakrazulwa ngenxa yami




Wakrazulwa ngenxa yami,
LiWa laphakade!
Kuze ndizifihle kuWe,
Nxeba likaYesu!

Yeyani na le mikrozo,
Kwelo cala laKho?
Yeyegazi, yeyamanzi,
Ma ndihlanjululwe.

Iziphoso zethu zonke
Zabalelwa kuWe;
Nezilandu zethu zonke
Zabalelwa kuWe.

Sixolelwa, siphiliswa,
Ngezo ntlungu zaKho.
Siya hlanjwa ezonweni,
Ngelo gazi laKho