Jerusalem, ikhaya lam,
Endilithandayo;
Wofezwa nin' umzamo wam?
Ze ndiphumle kuwe.
Obana nin' amehlo am
Loo masango mahle;
Nezitrata zegolide
Zomzi wosindiso?
Umzi omhle kune Eden,
Ongangenwa soono;
Nezihlalo zawo zihle;
Ndikhumbula wona.
Zingandidakumbisa na
Iintlungu nokufa?
Se ndiyibon' iKanana
Engunaphakade.
Namabandl' aabapostile
Angqong' umSindisi;
Nabo bonk' abakuKristu,
Baya kuya khona.
Ndiya kulangazelela,
Jerusalem entsha;
Imizamo yam yophela
8 comments:
amen
amen
Amen
Please post more
Ingoma yomoya yakwantu. La obona khona ukuthi loNkulunkulu esimkhonzayo wehlile lakithi eAfrica, akezanga labelungu ngeSkepe. Yimvuselelo yoMoya. Amen
Nginxanela wena Jerusalem elisha
ndinga ndinga phalaza lentliziyo yam ndicelele uxolo lomphefumlo wam
Yes Lord
Post a Comment